Umgaqo siseko waseMzantsi Afrika
UMzantsi
Afrika unomgaqo siseko wolawulo lwentando yesininzi. Lo mgaqo siseko uthwesa
amalungelo eluntwini, nakurhulumente ukwabeka uxanduva kwabemi baseMzantsi
Afrika ukuba baziphathe kakuhle kwaye benze izinto ngohlobo olukwintlanti
zomgaqo siseko.
Umgaqo
siseko waseMzantsi Afrika wawiswa njengomthetho ongaphezulu kwemithetho yonke
yaseMzantsi Afrika ngonyaka wama-1996 ewiswa nguTata uNelson Rholihlahla
Mandela. Umgaqo siseko esisebenza ngawo apha eMzantsi Afrika ngowesithathu,
ikhona eminye imigaqo siseko ebikhona ngaphambili. Owokuqala umgaqo siseko
ngulowo esasi sebenza ngawo ngexesha lencinazelo, owesibini ibe ngu mgaqo siseko
owaye ngowoku bambisa ngonyaka wama 1993-1996, owesithathu ngulona esiphila
ngawo namhlanje.
Umgaqo siseko nemithetho
yaseMzantsi Afrika
Umgaqo
siseko waseMzantsi Afrika ngowona mthetho ophakamileyo eMzantsi Afrika,
umthetho okanye is/zenzo ezichasene nomgaqo siseko azivumelekanga. Oku kuthetha
ukuba umthetho onyhasha ilungelo lokuphila umzekelo awuvumelekanga, oku
kwagqitywa kwityala lika S v Makhwanyane
apho kwagqitywa kwelokuba isigwebo sentambo asilunganga kuba sinyhasha ilungelo
lokuphila.
Umalungelo angu ndoqo kumgaqo siseko
Amalungelo
abonwa njengesiseko sentando yesininzi ngala alandelayo; ilungelo lokuba
nesidima, ulingano, ukukhuseleka kubuhlanga, ne lungelo loku vota xakukho
unyulo.
Umgaqo
siseko wethu uthathwa njengomnye yemigaqo siseko ehamba phambili jikelele xa
ethelekiswa nemigaqo siseko yamanye amazwe. Isizathu soku kukuba umgaqo siseko
wethu ukhuthaza ulingano, ukhusela amalungelo oluntu ngakumbi kwaye ujonga
ngemva esiya phambili. Umgaqo siseko wethu undenza ndizingce ngokuba ngumAfrika, ndine
bhongo neqhayiya ngomgaqo siseko waseMzantsi Afrika.
No comments:
Post a Comment