Imali
Imali yinto esetyenziswa ekubhataleni nase kuthengeni
kule mihla yethu. Ngaphandle kw emali akukho bomi, imali yinto ekufanele ube nayo
ungumntu ngaphandle kwayo akukho kuphila bubambekayo. Ubuhle bendoda bayeka
ukuba ziinkomo zayo koko ngoku ubuhle bendoda yimali yayo,umkhitha wendoda wona
kukunona kwesipaji sayo.
Imvelaphi yemali
Imali yaqala ukusetyenziswa kwilizwe laseMelika ngonyaka
wama-3000BC. Ngaphambili kwexesha lemali
abantu babe tshintshiselana ngezinto abanazo, oku kwahamba kwayekwa ngokuya
bephucuka abantu kulapho kengoku kwaye kwavela khona. Tanci imali yayenziwe nge
golide nesiliva.
Imali eluntwini
Uthando lwemali yingcambu yako konke ububi lenthetha singayi
fumana kwincwadi ka Timoti 6:10 ebhayibhileni. Zimbi izinto abantu abazenzela imali. Abanye
babulala abayeni babo kwenzel’ba bafumane imali yeepolisi, abanye babulala
abayeni babo abasebeza emgodini kwenzela ukuba bafumane lamali ephuma ngenyanga
xa umntu ebhubhele emsebenzini. Imizekelo yezinye izinto abantu banamhlanje
abazenzela imali; ukuthengisa ngomzimba, ukuthwala, ukuqashelwa ukubulala,
ukweba imali yabantu abahluphekayo ingakumbi abantu abasebu rhulumenteni, eyona
egqithisileyo into abantu abayenzela imali kukuthengisa umphefumlo wabo bewu
thengisela umtyholi kwenzele ukuba umntu azuze ubutyebi.
Ubuhle bemali
Imali yinto encomekayo ntonje abantu basuke balibale xa
bebona imali, imali bayijike bayenze uthixo wabo. Imizekelo yezinto ezintle
ubani angazenza nge mali; kukufunda, ukunceda abantu abahluphekayo njalo njalo.
Imali yinto entle ntonje ingcoliswe ngabantu abathile
ngentliziyo zabo ezimbi. Imali isenzele ubomi lula ngaphandle kwayo kunganzima
kakubi.
No comments:
Post a Comment