Ubuhlanga
Ubuhlanga kuku chasa omnye umntu ngenxa ye bala lakhe.
Ubuhlanga bungenziwa nangubani na, buyakwazi ukwenziwa ngumntu omhlophe okanye
ngumntu omnyama.Ubuhlanga babantu bebala elinye kuthiwa yi-xenophobia okanye
itribalism. Ubuhlanga bunezi qhamo ezimasikizi, umzekelo wobona buhlanga okwaba
neziqhamo ezimbi kulapho uAdolph Hitler waye bulala amaJuda alizweni
laseJamani. Obunye ubuhlanga obunzima bobu obenzekja apha eMzantsi Afrika
ngexesha localucalulo. Anyhashwa amalungelo abantu ngeliya xesha, baninzi
nabantu ababhubhayo.
Inxaki ngokuhlanga
Ubuhlanga abwakhi koko buya tshabalalisa. Apha eMzantsi
Afrika kumana kusithiwa abukho ubuhlanga kodwa siyazi ezintlizwiyeni zethu
into yokuba bubu vovo obo! AmaBhulu nabantu bebala base basajongana ngezikhondo zamehlo. eFrey-Stata
kwabanjwa abafana bamaBhulu befuna ukufaka iziqhushumbisi xeshikweni kwakukho
inkomfa ye-ANC eMangaung. Esinye isiganeko kulapho abafananyana abancinci baye
babulala iBhulu ekuthiwa ngu Eugene Tereblanche. UTereblanche wayeyi nkulumbuso
enkulu ngexesha localucalulo. Esinye isiganeko sakudalanyana kulapho abafundi
bakwi dyunivesithi yaseFrey-Stata bachama ekutyeni ze banika abasebenzi abango
mama abanyama ukuba batye. Aba bafana zange bagxothwe
edyunivesithi koko kwaye kwathiwa mabakhe banqumame ithutyana. Zininsti ke
iziganeko esimana ukuzi bona mihla le koo mabona kude nase kuphileni kwethu.
Kwii veki ezingephi ezidlulileyo, kukho umfundi omnyama owaye wabethwa
ngamaBhulu ngaphandle kwesizathu. Uthi lo mfana xa ebalisa, wathi ezi hambela kwasuke kwamisa imoto ethile eyayi hamba amaBhulu aliqelana. Amisa lamaBhulu ze
amngena ngeentonga, izihlangu namangqindi. Bathi oorheme bakwanela bamthuka
bakugqqiba bemka bamshiya esopha. Aba bantu bamthuka besithi ngu-kaffir.
Ubuhlanga bufanele buphele, abakhi koko buya bulala. Asi
soze siye phambili sisi sizwe sisenobu hlanga, kufanele simanyane sibe banye
njenga bemi baseMzantsi Afrika.
No comments:
Post a Comment