Ubuqhophololo
Ubuqhophololo kukweba izinto ezifana nemali, ukufumana
inckukacha ngohlobo olunge mthetho, ukujija imithetho ngohlobo olunga cacanga ncam. Akululanga ukubamba
ubuqhophololo. Iimali zika rhulumente zimana ukuduka ngeendelela ezinga
qondokaliyo ngenxa yobuqhophololo, oku kuphazamisa amaphulo ka rhulumente
wokwakha uluntu umzekelo izinto ezifana nezikolo, izibhedlele njalo njalo.
Imizekelo eyaziwa ngumntu wonke walapha eMzantsi Afrika yobuqhophololo
kuxeshikweni uZuma waye wacinywa encwadini ze nkudla yamatyala xeshikweni
wayetyholwa ngokudibanisa iintloko no somashishini waseThekwini uShabir Shaik.
Esi sibini saye seba imali ka rhulumente kodwa saphuncuka kwingalo yomthetho.
Ubuqhophololo buyonakalisa mpela ingakumbi eburhulumenteni
kuba kaloku abantu baxhomekeke ku rhulumente. ELimpopo abafundi bebanga leshumi
zange bazi fumane iincwadi zoku funda kuba kutyiw imali ngama gosa asebu
rhulumenteni. Akekho umntu onokwazi ukuphumelela ibanga leshumi ngaphandle
kweencwadi zokufunda. Ngumlingo lowo.
Onmye umzekelo wobuqhophololo wakutsha nje kulapho uZuma aye
wavumela abahlobo bakhe ababizwa iiGupta’s ukuba bamise inqwelo ntaka yabo
endaweni apho kugcinwa khona imikhosi yesizwe salapha eMzantsi Afrika. Esi
senzo zilumeze mpela kuba kaloku uMsholozi uwenza owakhe uMzantsi Afrika.
Zinintsi ke indlela esinga phelisa ngazo ubuqhophololo.
Ubuqhophololo basebu rhulumenteni malunga nemali singalu phelisa ngez ndlela
zilandelayo
-
Ukuphicotha iincwadi rhoqo xa kuphela ukunya
-
Ngoku qasha amagosa athembakelyo kuphicotho
-
Ngoku vumela umthetho ukuba udlale indawo yawo
apho udingeka khona.
Ubuqhophololo abulunganga, bumosha ilizwe
lethu, ngendlela izinto ezihamba ngayo singazi bona sele sifana neZimbabwe.
No comments:
Post a Comment