Imfundo
Ukufunda luhlobo lokufumana ulwazi olufundwa ezincwadini kunye ne zakhono.
Imfundo ayiboli,abantu abadala baye bafundise abancincane kunabo, oku kuqinisekisa ukuba ulwazi lunga lahleki. Imfundo amaxa amanintsi igqithiswa
kuma gumbi okufunda ezikolweni ngamanye amaxesha yenziwa nge technology kwi
internet ngolwase mzini. Ukufunda noku fundisa kwaqala kwilizwe laseGreece. Imfundo
inamabakala, umntu uye aqale eKhrishi, ayoku funda amabanga aphantsi emveni
koko, athi akugqiba apho angene ejuniya, akuphuma apho angene esinaleni abe
sele eyokuphetha izifundo zakhe edyuniversity.
Imfundo ibaluleke kakhulu eluntwini kuba iyalu phucula uluntu, khawube nomfanekiso wokuba ngeku njani na ukuba bekungeko
mfundo... Ngeku phandle nyhani eluntwini. Ngesi
ngenazi moto, zindlu, zifowni njalo njalo. Ngaphambili abantu abaNtsundu
babenga vumelekanga kwizikolo ezithile apha eMzantsi Afrika, oku kwakusenzeka
ngexesha lencinazelo.
Imfundo iza neziqhamo ezincumisayo. Iziqhamo zemfundo amaxa
amaninzi yi mpumelelo. Imfundo iyabahlangula entluphekweni abantu. Kukho imizi
eyakhe yawa ze yavuswa ngabantwana bakulo mzi ngenxa yokuba bezuze imfundo.
Maninzi amabali ancumisayo athetha ngezi qhamo zemfundo. Imfundo ayilulanga,
lidabi elifuna ulilwele.
Imfundo yaseMzantsi Afrika
Imfundo yakwi lizwekazi lethu iyazi zamela xa siyithelekisa
nemfundo yamanye amazwe alingana nathi ntonje eyona nto esibethakala kuyo
zizfundo zezibalo nenzulu lwazi. Urhulumente uchitha imali eninzi ezama
ukuphucula mfundo yalapha eMzantsi Afrika kangangokuba eyona mali kulabiwo
mali iya kwicala le mfundo. Ngaphambili imali eninzi yayisiya kwimfundo yabamhlophe,
namahlanje sonke siyalingana hiyo lonto abantu bakuthi besiya bephucuka
ngohamba kwexesha.
No comments:
Post a Comment