Sunday, 13 October 2013

UbuKhristu



Ubukhristu
UbuKhristu luhlobo lonqulo olwaza namaJuda. Eli gama elithi Khristu lithetha ukuba uYesu yinceku ekhethiweyo. Ubu Khristu busekwe phezulu  kweemfundiso zika Yesu Khristu xeshikweni wayephila apha emhlabeni eJerusalem. AbaKhristu bakholelwa ukuba uYesu ngunyana kaThixo uyise onamandla onke, bakwa kholelelwa kumoya oyingcwele noThixo umdali.

Imiyalelo elsihumi
AmaKhristu aphila ngemithetho elishumi. Le mithetho singayi bona kwincwadi ka Exodus ebhayibhileni apho uThixo waya wabhala  imithetho elityeni elikhulu waza wayalela uMoses ukuba aze ayixelele abantu bakhe ukuze banga lahleki.  Nantsi le mithetho;
1.        Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
2.       Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
3.       Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
4.       Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
5.        Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
6.       Uze ungabulali.
7.       Uze ungakrexezi.
8.       Uze ungebi.
9.       Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
1.    Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

Lowo onqwenela ukuphila ubomi obungu naphakade kufanele azinikele eNkosini. Oku kuthetha ukuba ubani lowo kufanele aye ecaweni afike khona asinidiswe ngumfundisi lowo ozobe ekhona ngelo thyeli aze athi emveni kokuzi nikela enkosini abhabtiswe ngamanzi nomoya oyingcwele. Oku kwenziwa ngumntu ofuna ukuphila impilo entsha engu naphakade.

No comments:

Post a Comment