Sunday, 13 October 2013

Isifo sikaGawulayo



Isifo sikagawulayo

Isifo sikagawulayo 
Ngonyaka wama 2011 abantu abaqikelelwa ukuba baphila nesifo sika gawulayo bazizigidi ezingama 34 000000 kwaye ubuninzi baba bantu bahlala apha eMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika uhamba phambili ngenani labantu abaphila nesifo sika gawulayo ngabantu abangama 5,6000000.

Amachiza okulwa ugawulayo
Akhona amachiza okulwa esi sifo ntonje akasi nyangi kuba kaloku isifo sika gawulayo ngu ndofa naye. Abantu abangama 80 000000 batya amayeza okuthomalalisa esi sifo abizwa ngokuba zii-ARV’s jikelele, abanye abanazo iindlela zoku fumana lamachiza. Umsebenzi wee-ARV’s kukulwa isifo sikagawulayo kwenzele ukuba singabulali amajoni omzimba amaninzi ngoku khawuleza, kwabantu abane AIDS ii-ARV’s zonyusa amajoni omzimba kwenzele ukuba umntu abuyise.

Singasoyisa kanjani esi sifo
Inani labantu abaphila nogawulayo lonyuka mihla le. Ngonyaka wama 2011 abantu abosuleleka ngesi sifo bangama 2.5 000000. Inani labantu abaphila nesi sifo liyonyuka kwamnaye amazwe ekubeni lisehla kwamanye, umzekelo eMzantsi Afrika lehlike ngeepesenti ezisibhozo ukususela ngonyaka u wama 2000 ekubeni eMiddle East lonyuke ngee pesenti ezingama 35 ukususela ku nyaka  wama 2000 ukuzothi gxa ngoku.
Umntu angazi sindisa kwesi sifo ngokuba nesinqanda mathe esinye aphilisana kakuhle ngokuthembekileyo naso, ngoku sebenzisa ikhondom ,ngokuzi nxwema kwisondo.

Imingeni ekuhlatyangezwana nayo ekulweni isifo sikagawulayo
Nangona esi sifo sisaziwa abantu bayaqhubeka ngokuzi phatha bugwenxa. Amachiza namayeza akasi nyangi esi sifo, amakhaya ayawa, inkokheli siphelela emangcwabeni. Abantu abafuni ukuzi xilonga ngenxa yoloyiko abanalo xa umntu engazi phethanga kakuhle. Ukuze sikwazi ukusilwa esi sifo kufanele simanyane sibe mxhelo omnye sonke kungenjalo lo bhubhane uzakuqhubeleka ngokusi gqugqisa.

No comments:

Post a Comment