Isiko lolwaluko
Isiko
lolwaluko lixabiseke kakhulu kwabaXhosa. Eli siko liqhutywa kwiphondo laseMpuma
Koloni naseNtshona koloni apho kongamele abaXhosa. AmaHlubi ngabemi abane ngcambu
zobuSuthu nabo bayalenza elisiko. EsiXhoseni kukho abaThembu namaHlubi.AmaHlubi
alithatha ebaXhoseni isiko lolwaluko. Ulwaluko lususelwa ekusekweni kwabantu
abangabaXhosa nabaZulu, ntonje abaZulu bayeka ukuzi hlupha ngeli siko mhla
uShaka Zulu wayeb wathi mali bhange. Isizathu sokubhangisa eli siko kukuba
kwakungekho bantu bokulwa iimfazwe, abantu bokulwa babe gcwele eSuthwini
kangangokuba abanye babo babehlaselwa xeshikweni bese suthwini ze babhubhele
khona.
Ukubaluleka kweli siko
Isiko
lolwaluko libaluleke kakhulu kwabantu abangaba Xhosa. Isizathu soku kukuba umntu
owolukileyo uphuma ebukhwenkweni aye kungena ebudodeni. Kulapho kengoku sithso
sibone nezenzo zomntu zitshintsha abonakale nyani uphopho ukuba ukhulile.
Indoda ke iziphatha ngohlobo oluthile, uhlobo oluncumisayo ekuhlaleni. Xa umfo
sele olukile utsho akwazi noku fumana umfazi, abe nomzi abe nabo nabantwana
kuba kaloku uphumile ebuntwaneni. Kodwa ke phambi kwako konke oku kufanele
umfana lo azibonakalise ukuba unalo ukulumela uxanduva azakuza nalo, oku
ukwenza ngokuqala aye esikolweni ukuba kuyakwazeka uqhubeleke aye phambili
angene edyuniversity, kungenjalo kufanele umfana afumane umsebenzi kwenzele
ukuba akwazi ukuncedisana kokwabo .
Uncedo lolwaluko
Ulwaluko luluncedo
kuba luyakwazi ukuthomelela ukusoluleleka kwesifo sika gawulo kangangokuba
urhulumente uyalikhuthaza elisiko ntonje kufanele lenziwe ngendlela
efanelekileyo.
Citizen's Eco Drive Titanium Watch | The Silicon Edge
ReplyDeleteThe Citizen's Eco Drive Titanium Watch is a titanium density watch, a watch, titanium oxide formula and an original model for the Samsung Gear VR. The watch titanium hair clipper features titanium price per ounce rechargeable battery packs, titanium body jewelry