Isigwebo sentambo
Isigwebo sentambo sisigwebo ekugwetywa ngaso ababulali,
izidlwengu eziphume izithupha nezigebenga. Esi sigwebo sisigwebo sokugqibela,
asikho isigwebo esiqatha ngaphezulu kwaso. Umntu owenze ityala elinga
nyamezelekiyo njengoku dlwengula abantu abaninzi, ukubulala abantu abaninzi
okanye usapho lonke njalo njalo. Umntu ogwetywe ubomi unelungelo loukuba acele
igqwetha lakhe ukuba lifake isicelo sokuba isigwebo eso sibekwe bucala anikwe
esingekho qatha njengese ntambo. Esi sicelo sinama nqanaba amathathu, xa
singavunywanga ziinkudla zide zibe ntathu kuye kugqitywe nge banjwa elo ukuba
lizaya kuyo bulawa. Umntu ogwetywe ubomi ubulawa ngesitofu. Esi sitofu asidlali
sifakwa kube kanye kungapheli nemizuzu emingaphi umntu awele.
Sisuka phi esi sigwebo?
Isigwebo sobomi saqala eMelika kangangokuba sisekhona nanamhlanje. Abantu abazoku gwetywa ubomi bavalelwa kwi ntolongo ekuthiwa yi-Death
Row. Nase Britane sasikade sikhona ntonje sayekiswa, maninzi ke namanye amazwe
away enesi sigwebo lamazwe aquka uMzantsi Afrika, India njalo njalo. Esi sigwebo
sayekiswa apha eMzantsi Afrika kwityala lika S v Makhwanyane apho kwaye kwagqitywa ukuba esi sigwebo sinyhasha
amalungelo wamabanjwa agwetywe ubomi kwaye asi lungisi nto. Eneneni ke esi sigwebo asinanto esiyi
lungisayo ntonje siyachitha kuphela. Ukubulala umntu akuzange kwaba yimpendulo
nangeyiphi na imini.
Ukubuyiswa kwesi sigwebo
Ingaba kungenzeka na oko? Hayi asisoze sibuyiswe apha
eMzantsi Afrika esi sigwebo nokuba usoze akabekwa. Kwagqiba iingwevu zeyona
nkundla ephakamileyo eMzantsi Afrika ukuba esi sigwebo masiyekwe. Akukho mntu
onokwazi ukusi buyisa apha eMzansti Afrika nditsho noZuma lowo.
No comments:
Post a Comment