Sunday, 13 October 2013

Isigwebo sentambo



Isigwebo sentambo
Isigwebo sentambo sisigwebo ekugwetywa ngaso ababulali, izidlwengu eziphume izithupha nezigebenga. Esi sigwebo sisigwebo sokugqibela, asikho isigwebo esiqatha ngaphezulu kwaso. Umntu owenze ityala elinga nyamezelekiyo njengoku dlwengula abantu abaninzi, ukubulala abantu abaninzi okanye usapho lonke njalo njalo. Umntu ogwetywe ubomi unelungelo loukuba acele igqwetha lakhe ukuba lifake isicelo sokuba isigwebo eso sibekwe bucala anikwe esingekho qatha njengese ntambo. Esi sicelo sinama nqanaba amathathu, xa singavunywanga ziinkudla zide zibe ntathu kuye kugqitywe nge banjwa elo ukuba lizaya kuyo bulawa. Umntu ogwetywe ubomi ubulawa ngesitofu. Esi sitofu asidlali sifakwa kube kanye kungapheli nemizuzu emingaphi umntu awele.
Sisuka phi esi sigwebo?
Isigwebo sobomi saqala eMelika kangangokuba sisekhona nanamhlanje. Abantu abazoku gwetywa ubomi bavalelwa kwi ntolongo ekuthiwa yi-Death Row. Nase Britane sasikade sikhona ntonje sayekiswa, maninzi ke namanye amazwe away enesi sigwebo lamazwe aquka uMzantsi Afrika, India njalo njalo. Esi sigwebo sayekiswa apha eMzantsi Afrika kwityala lika S v Makhwanyane apho kwaye kwagqitywa ukuba esi sigwebo sinyhasha amalungelo wamabanjwa agwetywe ubomi kwaye asi lungisi nto. Eneneni ke esi sigwebo asinanto esiyi lungisayo ntonje siyachitha kuphela. Ukubulala umntu akuzange kwaba yimpendulo nangeyiphi na imini.

Ukubuyiswa kwesi sigwebo
Ingaba kungenzeka na oko? Hayi asisoze sibuyiswe apha eMzantsi Afrika esi sigwebo nokuba usoze akabekwa. Kwagqiba iingwevu zeyona nkundla ephakamileyo eMzantsi Afrika ukuba esi sigwebo masiyekwe. Akukho mntu onokwazi ukusi buyisa apha eMzansti Afrika nditsho noZuma lowo.

No comments:

Post a Comment