Sunday, 13 October 2013

Isiko lolwaluko



Isiko lolwaluko
Isiko lolwaluko lixabiseke kakhulu kwabaXhosa. Eli siko liqhutywa kwiphondo laseMpuma Koloni naseNtshona koloni apho kongamele abaXhosa. AmaHlubi ngabemi abane ngcambu zobuSuthu nabo bayalenza elisiko. EsiXhoseni kukho abaThembu namaHlubi.AmaHlubi alithatha ebaXhoseni isiko lolwaluko. Ulwaluko lususelwa ekusekweni kwabantu abangabaXhosa nabaZulu, ntonje abaZulu bayeka ukuzi hlupha ngeli siko mhla uShaka Zulu wayeb wathi mali bhange. Isizathu sokubhangisa eli siko kukuba kwakungekho bantu bokulwa iimfazwe, abantu bokulwa babe gcwele eSuthwini kangangokuba abanye babo babehlaselwa xeshikweni bese suthwini ze babhubhele khona.
Ukubaluleka kweli siko
Isiko lolwaluko libaluleke kakhulu kwabantu abangaba Xhosa. Isizathu soku kukuba umntu owolukileyo uphuma ebukhwenkweni aye kungena ebudodeni. Kulapho kengoku sithso sibone nezenzo zomntu zitshintsha abonakale nyani uphopho ukuba ukhulile. Indoda ke iziphatha ngohlobo oluthile, uhlobo oluncumisayo ekuhlaleni. Xa umfo sele olukile utsho akwazi noku fumana umfazi, abe nomzi abe nabo nabantwana kuba kaloku uphumile ebuntwaneni. Kodwa ke phambi kwako konke oku kufanele umfana lo azibonakalise ukuba unalo ukulumela uxanduva azakuza nalo, oku ukwenza ngokuqala aye esikolweni ukuba kuyakwazeka uqhubeleke aye phambili angene edyuniversity, kungenjalo kufanele umfana afumane umsebenzi kwenzele ukuba akwazi ukuncedisana kokwabo .
Uncedo lolwaluko
Ulwaluko luluncedo kuba luyakwazi ukuthomelela ukusoluleleka kwesifo sika gawulo kangangokuba urhulumente uyalikhuthaza elisiko ntonje kufanele lenziwe ngendlela efanelekileyo.

Isifo sikaGawulayo



Isifo sikagawulayo

Isifo sikagawulayo 
Ngonyaka wama 2011 abantu abaqikelelwa ukuba baphila nesifo sika gawulayo bazizigidi ezingama 34 000000 kwaye ubuninzi baba bantu bahlala apha eMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika uhamba phambili ngenani labantu abaphila nesifo sika gawulayo ngabantu abangama 5,6000000.

Amachiza okulwa ugawulayo
Akhona amachiza okulwa esi sifo ntonje akasi nyangi kuba kaloku isifo sika gawulayo ngu ndofa naye. Abantu abangama 80 000000 batya amayeza okuthomalalisa esi sifo abizwa ngokuba zii-ARV’s jikelele, abanye abanazo iindlela zoku fumana lamachiza. Umsebenzi wee-ARV’s kukulwa isifo sikagawulayo kwenzele ukuba singabulali amajoni omzimba amaninzi ngoku khawuleza, kwabantu abane AIDS ii-ARV’s zonyusa amajoni omzimba kwenzele ukuba umntu abuyise.

Singasoyisa kanjani esi sifo
Inani labantu abaphila nogawulayo lonyuka mihla le. Ngonyaka wama 2011 abantu abosuleleka ngesi sifo bangama 2.5 000000. Inani labantu abaphila nesi sifo liyonyuka kwamnaye amazwe ekubeni lisehla kwamanye, umzekelo eMzantsi Afrika lehlike ngeepesenti ezisibhozo ukususela ngonyaka u wama 2000 ekubeni eMiddle East lonyuke ngee pesenti ezingama 35 ukususela ku nyaka  wama 2000 ukuzothi gxa ngoku.
Umntu angazi sindisa kwesi sifo ngokuba nesinqanda mathe esinye aphilisana kakuhle ngokuthembekileyo naso, ngoku sebenzisa ikhondom ,ngokuzi nxwema kwisondo.

Imingeni ekuhlatyangezwana nayo ekulweni isifo sikagawulayo
Nangona esi sifo sisaziwa abantu bayaqhubeka ngokuzi phatha bugwenxa. Amachiza namayeza akasi nyangi esi sifo, amakhaya ayawa, inkokheli siphelela emangcwabeni. Abantu abafuni ukuzi xilonga ngenxa yoloyiko abanalo xa umntu engazi phethanga kakuhle. Ukuze sikwazi ukusilwa esi sifo kufanele simanyane sibe mxhelo omnye sonke kungenjalo lo bhubhane uzakuqhubeleka ngokusi gqugqisa.

Umgaqo siseko waseMzantsi Afrika



Umgaqo siseko waseMzantsi Afrika

UMzantsi Afrika unomgaqo siseko wolawulo lwentando yesininzi. Lo mgaqo siseko uthwesa amalungelo eluntwini, nakurhulumente ukwabeka uxanduva kwabemi baseMzantsi Afrika ukuba baziphathe kakuhle kwaye benze izinto ngohlobo olukwintlanti zomgaqo siseko.
Umgaqo siseko waseMzantsi Afrika wawiswa njengomthetho ongaphezulu kwemithetho yonke yaseMzantsi Afrika ngonyaka wama-1996 ewiswa nguTata uNelson Rholihlahla Mandela. Umgaqo siseko esisebenza ngawo apha eMzantsi Afrika ngowesithathu, ikhona eminye imigaqo siseko ebikhona ngaphambili. Owokuqala umgaqo siseko ngulowo esasi sebenza ngawo ngexesha lencinazelo, owesibini ibe ngu mgaqo siseko owaye ngowoku bambisa ngonyaka wama 1993-1996, owesithathu ngulona esiphila ngawo namhlanje. 

Umgaqo siseko nemithetho yaseMzantsi Afrika 

Umgaqo siseko waseMzantsi Afrika ngowona mthetho ophakamileyo eMzantsi Afrika, umthetho okanye is/zenzo ezichasene nomgaqo siseko azivumelekanga. Oku kuthetha ukuba umthetho onyhasha ilungelo lokuphila umzekelo awuvumelekanga, oku kwagqitywa kwityala lika S v Makhwanyane apho kwagqitywa kwelokuba isigwebo sentambo asilunganga kuba sinyhasha ilungelo lokuphila.

Umalungelo angu ndoqo kumgaqo siseko

Amalungelo abonwa njengesiseko sentando yesininzi ngala alandelayo; ilungelo lokuba nesidima, ulingano, ukukhuseleka kubuhlanga, ne lungelo loku vota xakukho unyulo.
Umgaqo siseko wethu uthathwa njengomnye yemigaqo siseko ehamba phambili jikelele xa ethelekiswa nemigaqo siseko yamanye amazwe. Isizathu soku kukuba umgaqo siseko wethu ukhuthaza ulingano, ukhusela amalungelo oluntu ngakumbi kwaye ujonga ngemva esiya phambili. Umgaqo siseko wethu undenza ndizingce ngokuba ngumAfrika, ndine bhongo neqhayiya ngomgaqo siseko waseMzantsi Afrika.

Ubuqhophololo



Ubuqhophololo

Ubuqhophololo kukweba izinto ezifana nemali, ukufumana inckukacha ngohlobo olunge mthetho, ukujija imithetho ngohlobo olunga cacanga ncam. Akululanga ukubamba ubuqhophololo. Iimali zika rhulumente zimana ukuduka ngeendelela ezinga qondokaliyo ngenxa yobuqhophololo, oku kuphazamisa amaphulo ka rhulumente wokwakha uluntu umzekelo izinto ezifana nezikolo, izibhedlele njalo njalo. Imizekelo eyaziwa ngumntu wonke walapha eMzantsi Afrika yobuqhophololo kuxeshikweni uZuma waye wacinywa encwadini ze nkudla yamatyala xeshikweni wayetyholwa ngokudibanisa iintloko no somashishini waseThekwini uShabir Shaik. Esi sibini saye seba imali ka rhulumente kodwa saphuncuka kwingalo yomthetho. 

Ubuqhophololo buyonakalisa mpela ingakumbi eburhulumenteni kuba kaloku abantu baxhomekeke ku rhulumente. ELimpopo abafundi bebanga leshumi zange bazi fumane iincwadi zoku funda kuba kutyiw imali ngama gosa asebu rhulumenteni. Akekho umntu onokwazi ukuphumelela ibanga leshumi ngaphandle kweencwadi zokufunda. Ngumlingo lowo.

Onmye umzekelo wobuqhophololo wakutsha nje kulapho uZuma aye wavumela abahlobo bakhe ababizwa iiGupta’s ukuba bamise inqwelo ntaka yabo endaweni apho kugcinwa khona imikhosi yesizwe salapha eMzantsi Afrika. Esi senzo zilumeze mpela kuba kaloku uMsholozi uwenza owakhe uMzantsi Afrika.
Zinintsi ke indlela esinga phelisa ngazo ubuqhophololo. Ubuqhophololo basebu rhulumenteni malunga nemali singalu phelisa ngez ndlela zilandelayo
-          Ukuphicotha iincwadi rhoqo xa kuphela ukunya
-          Ngoku qasha amagosa athembakelyo kuphicotho
-          Ngoku vumela umthetho ukuba udlale indawo yawo apho udingeka khona.

Ubuqhophololo abulunganga, bumosha ilizwe lethu, ngendlela izinto ezihamba ngayo singazi bona sele sifana neZimbabwe.

UbuKhristu



Ubukhristu
UbuKhristu luhlobo lonqulo olwaza namaJuda. Eli gama elithi Khristu lithetha ukuba uYesu yinceku ekhethiweyo. Ubu Khristu busekwe phezulu  kweemfundiso zika Yesu Khristu xeshikweni wayephila apha emhlabeni eJerusalem. AbaKhristu bakholelwa ukuba uYesu ngunyana kaThixo uyise onamandla onke, bakwa kholelelwa kumoya oyingcwele noThixo umdali.

Imiyalelo elsihumi
AmaKhristu aphila ngemithetho elishumi. Le mithetho singayi bona kwincwadi ka Exodus ebhayibhileni apho uThixo waya wabhala  imithetho elityeni elikhulu waza wayalela uMoses ukuba aze ayixelele abantu bakhe ukuze banga lahleki.  Nantsi le mithetho;
1.        Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
2.       Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
3.       Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
4.       Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
5.        Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
6.       Uze ungabulali.
7.       Uze ungakrexezi.
8.       Uze ungebi.
9.       Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
1.    Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

Lowo onqwenela ukuphila ubomi obungu naphakade kufanele azinikele eNkosini. Oku kuthetha ukuba ubani lowo kufanele aye ecaweni afike khona asinidiswe ngumfundisi lowo ozobe ekhona ngelo thyeli aze athi emveni kokuzi nikela enkosini abhabtiswe ngamanzi nomoya oyingcwele. Oku kwenziwa ngumntu ofuna ukuphila impilo entsha engu naphakade.